1Xa ndifuna ukumphilisa uSirayeli, batyhileka ububi bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; ngokuba bexoka; lingena isela, amatutu aphanga ngaphandle.
2Abatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ziphambi kobuso bam.
3Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngobuxoki babo.
4Bonke bephela bangabakrexezi, njengeziko elibaswa ngumoji-zonka, oyekayo ukunyathela intlama, ide ifukuke.
5Ngemini yokumkani wethu abathetheli bamxhakamfule ngeendebe zewayini; wasolula isandla sakhe kunye nabagculeli.
6Bazilungisa iintliziyo zabo njengombumbi bebukele; umpheki wabo uhlala ubusuku bonke; kusasa uyavutha njengomlilo olenyayo.
7Bonke bephela bavutha njengeziko, batshisa abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawa; akukho namnye kubo ondinqulayo.
8uEfrayim uxunelene nabantu; uEfrayim liqebengwana elingaguqukiyo.
9Abasemzini bawadle bawadla amandla akhe, ukanti yena akakwazi oko; Ewe, izimvi zilapha naphaya, kodwa akazi yena.
10Libonakala emehlweni akhe iqhayiya likaSirayeli; akabuyelanga kuYehova uThixo wawo, akamfunanga ngenxa yoko.
11uEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, beza eAsiriya.
12Ekuhambeni kwabo ndiya kubabetha; ndiya kubahlisa njengeentaka zezulu; ndiya kubohlwaya ngokwentlanganiso yabo;
13Yeha ke bona! ngokuba babaleka kum, mabafikelwe kukutshabalala ngokuba bandingcatshile; Mna ndibakhulule, basuka bona bathetha ubuxoki ngam.
14Abandinqulanga ngentliziyo yabo, balililela ezililini zabo;
15Nangona ndibabophile ndaza ndatywina izandla zabo, kodwa bacinga ububi ngam.
16Baya kubuya, kungekhona kOsenyangweni; banjengesaphetha esityeketyeke; Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobulukhuni bolwimi lwabo; ibe yintlekisa kubo ezweni laseYiputa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.