1Eli liza kuba lixesha lesithathu ndisiza kuni. Onke amazwi aya kumiswa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba mathathu.
2Sendinixelele ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, ndinixela ngenxa engaphambili, naxa ndingekhoyo ngoku, ndibhalela abo bone ngenxa engaphambili, nabanye bonke, ukuba xa ndithe ndabuya ndeza, andiyi kubaconga;
3Njengokuba nifuna ubungqina bokuba uKristu uthetha kum, ongenamandla phakathi kwenu, unamandla kuni.
4Kuba nakuba wabethelelwayo emnqamlezweni ngokwasekusweleni amandla, udla ubomi ngokwasemandleni kaThixo. Kuba nathi siswele amandla kuye, noko siya kudla ubomi naye ngokwasemandleni kaThixo, ngokubhekisele kuni.
5Zivavanyeni ukuba niselukholweni kusini na; zibonakaliseni ngokwenu. Anazi na ngokwenu ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu?
6Ndiyathemba ke ukuba niyakwazi, ukuba asingabo abo bangenakucikideka thina.
7Ke kaloku ndiyathandaza kuThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.
8Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.
9Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla;
10Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.
11Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Hambani kakuhle. Yibani ngabafezekileyo, thuthuzelekani, cingani nto-nye, hlalani ngoxolo; waye uThixo wothando noxolo uya kuba nani.
12Bulisanani ngolwango olungcwele.
13Bayanibulisa bonke abangcwele.
14Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen. (Incwadi yesibini eya kwabaseKorinte yabhalwa eFilipi, isixeko saseMakedoni, nguTito noLucas.)
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.