1Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;
2ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, ekunyamezeleni;
3kwangokunjalo abafazi abakhulu mababe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi;
4ukuze bafundise abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo;
5babe nesidima, babe nyulu, bagcine ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.
6Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.
7Ezintweni zonke uze uzibonakalise ungumzekelo wemisebenzi emihle: emfundisweni ubonakala ekungonakali, ukundileka, nokunyaniseka,
8Ilizwi eliphilileyo, elingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.
9Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphenduli kwakhona;
10ingabi ngeentlondi, isuke ibonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo; ukuze bayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.
11Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;
12lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;
13silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu;
14owazinikelayo ngenxa yethu, ukuze asikhulule kubo bonke ubugwenxa, asihlambululele abantu abayinqobo kuye, abazondelela imisebenzi emihle.
15Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo;
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.